ISIHLOMELO B
IMIGANGATHO ENGENGAKANANI NGEENKONZO ZAMAXHOBA OLWAPHULO-MTHETHO
Yenzelwe ukusungulwa kweTshatha yeNkonzo yaMaxhoba oLwaphulo-mthetho eMzantsi Afrika
IZIQULATHO
INJONGO YEMIGANGATHO ENGENGAKANANI
INTSHAYELELO
ISAHLULO I:AMALUNGELO AKHO NJENGEXHOBA LOLWAPHULO-MTHETHO
ISAHLULO II:IINKQUBO NOXANDUVA LWABATHATHI-NXAXHEBA ABAFANELEKILEYO BESEBE KWINKQUBO YEZOBULUNGISA KULWAPHULO-MTHETHO
Kuya kwenzeka ntoni -
Ukuba umntu waphule umthetho p. 2
Xa ityala lidluliselwe kumtshutshisi p. 2
Ukuba ubizwe njengengqina xa kutshutshiswa p. 3
Ukuba kufuneka ube lingqina enkundleni p. 3
Emva kokubanjwa p. 4
Xa kutsalwa isigwebo p. 5
Ukuba udinga uncedo p. 5
ISAHLULO III: IMIGANGATHO ENGENGAKANANI NGEENKONZO ZAMAXHOBA OLWAPHULO-MTHETHO
Ilungelo lokuba uphathwe ngobulungisa nembeko ngenxa yesidima sakho nobomi obubobakho bangasese p. 6
Ilungelo lokunika ulwazi p. 8
Ilungelo lokufumana ulwazi p. 10
Ilungelo lokhuselo p. 12
Ilungelo loncedo p. 14
Ilungelo lesibonelelo p. 16
Ilungelo lembuyekezo p. 17
ISAHLULO IV: IINDLELA ZOKUFAKA ISIKHALAZO
ULUHLU LWEEDILESI EZILUNCEDO
INJONGO YEMIGANGATHO ENGENGAKANANI
Imigangatho engengakanani ngeeNkonzo zaMaxhoba oLwaphulo-mthetho ( Imigangatho engengakanani) luxwebhu oluqulethe ulwazi oluqulunqwe ngenjongo yokuchaza banzi amalungelo akho njengoko equlethwe kwiTshatha yeNkonzo yaMaxhoba oLwaphulo-mthetho eMzantsi Afrika. ("iTshatha") kwaye nokwenza la malungelo abe yinto ekhoyo. ITshatha yamaXhoba kunye neMigangatho engengakanani zenzelwe ukuba zikunike ulwazi olungokuzinikela kukarhulumente ekuphuculeni ukufezekiswa kweenkonzo kumaxhoba olwaphulo-mthetho. Imigangatho engengakanani ijonge ekucaciseni imigangatho engengakanani njegeenkonzo ezenzelwe amaxhoba olwaphulo-mthetho. Imigangatho engengakanani ayigqabazi nje ngamalungelo asisiseko nemithetho-siseko, kodwa inika nolwazi oluneenkcukacha ukuze ukwazi ukusebenzisa amalungelo akho kwaye nokwenza abaququzeleli beenkonzo balihloniphe ilungelo lakho njengoko lichaziwe kwiTshatha. Loo nto baya kuyenza ngokuba bamise imigangatho engengakanani onokuyilindela kubaququzeleli beenkonzo. Imigangatho engengakanani iya kukunceda ukuba uthathe wonke umntu obandakanyekayo kwinkqubo yezobulungisa njengonoxanduva ukuze uqinisekise ukuba ufumana inkonzo efanelekileyo neenkonzo ezizizo.
INTSHAYELELO
Xa uxela ulwaphulo-mthetho futhi unike ubungqina enkundleni udlala indima ebaluleke kakhulu ekwenzeni inkqubo yezobulungisa ukuba izimamele izidingo zoluntu kwaye iqinisekise ukuba aboni bayawamela amatyala abo. Kwelinye icala, inkqubo yezobulungisa kufuneka ikuhoye ngokukhawuleza kwanangembeko futhi ikuphathe ngentlonipho ngenxa yesidima sakho nobomi obubobakho bangasese kwaye ihlangabezane nezidingo zakho. Imigangatho engengakanani lilinge lokuqinisekisa ukuba oku kuyenzeka futhi ukwaxhotyiswe ngolwazi olululo ukwenzela ukuba usebenzise amalungelo akho.
Imigangatho engengakanani yahlulwe yazizahlulo ezine. Isahlulo 1 sikunika inkcazelo esisiseko ngamalungelo akho kwaye sikwaxela ukuba ngubani na onokuwafuna la malungelo. Isahlulo 2 sichaza ngokufutshane iinkqubo ezikwinkqubo yezobulungisa kwaye nento eya kwenzeka kuwe xa uthe walixhoba lolwaphulo-mthetho waze waluxela emapoliseni olu lwaphulo-mthetho. Isahlulo 3 siqulethe imigangatho engengakanani ngeenkonzo onokuzilindela kubathathi-nxaxheba abohlukeneyo kwinkqubo yezobulungisa, kubhekiswa kwilungelo ngalinye elichazwe kwiTshatha yaMaxhoba. Sesona sahlulo sibaluleke kakhulu esi seMigangatho engengakanani njengoko sijolise ekubeni siwenze amalungelo adweliswe kwiTshatha abe yinto ekhoyo. Kukweli candelo apho uya kubona inani lemithetho-siseko eyaKhayo yoBulungisa equlethwe kwinkqubo-sikhokelo esemthethweni echazwe kwiTshatha yaMaxhoba nakwiMigangatho engengakanani. Isahlulo 4 sigqabaza ngeenkqubo zezikhalazo. Naxa abathathi-nxaxheba kwinkqubo yezobulungisa kulwaphulo-mthetho beya kuzamela ukuba bakuphathe ngobulungisa nembeko kwaye bakunike inkonzo entle , izinto ngamanye amaxesha azihambi kakuhle. Usenokubona okokuba iinkonzo ozifumeneyo azifiki kumgangatho obuwulindele. Eli candelo liyachaza indlela yokufaka isikhalazo kwaye linoluhlu lweedilesi oluneenombolo zoqahagamshelwano.
Imigangatho engengakanani yenzelwe ukuba ubeko-sweni lokufezekiswa kweenkonzo lube lula njengoko kubekwa imigangatho engengakanani ekuya kulinganiselwa ngayo ufezekiso lweenkonzo. Amaziko aluncedo kwanamasebe aya kubeka esweni ukuphunyezwa kwamalungelo nemigangatho yeenkonzo eyandlalwe kwiMigangatho engengakanani kwaye njengenxalenye yokubeka esweni, la maziko angabonisana nawe. Ezinye zeziphumo zenkqubo yokubeka esweni nokubonisana zingapapashwa.
Isahlulo I
AMALUNGELO AKHO NJENGEXHOBA LOLWAPHULO-MTHETHO
Ukuba ubukhe walixhoba lolwaphulo-mthetho, ungalindela ukuba abathathi-nxaxheba kwinkqubo yezobulungisa kulwaphulo-mthetho baya kuqinisekisa ukuba amalungelo akho njengoko andlaliwe kwiTshatha yaMaxhoba, ayaphunyezwa kwaye imigangatho engengakanani yeenkonzo echazwe kolu xwebhu iyasungulwa.
Ngokweenjongo zolu xwebhu nangokuhambelana nengcaciso-gama ebhalwe kwiSibhengezo seZizwe eziManyeneyo seMithetho-siseko esisiseko yoBulungisa yamaxhoba oLwaphulo-mthetho nokuSetyenziswa kakubi kwaMagunya (GA/Res/40/30) apho uMzantsi Afrika ungomnye wabasayini, ixhoba lolwaphulo-mthetho lichazwe njengomntu owenzakeleyo, kuqukwa ukwenzakala emzimbeni okanye engqondweni, ukugula emoyeni, ilahleko yezoqoqosho ukuphazamiseka kwamalungelo akhe asisiseko ngezenzo okanye ngotyeshelo, nto ezo ezingokungahlonelwa komthetho wethu wolwaphulo-mthetho. Igama 'ixhoba' likwaquka apho kufanelekileyo usapho olusondeleyo okanye abantu abondliwa lixhoba ngqo. Umntu uya kubonwa njengexhoba nokuba umenzi wobubi ufunyenwe, wangxoliswa, watshutshiswa okanye wabanjwa kwaye nokuba kuthini na ukuzalana phakathi komaphuli-mthetho nexhoba.
Amagatya aqulethwe kwiMigangatho engengakanani asebenza kuwo onke amaxhoba ngaphandle komkhethe walo naluphi na uhlobo ngokubhekiselele kubuhlanga, isini ezesondo, imo yomtshato, umnombo ngokwesizwe okanye ngokwentlalo, umbala inkolelo ngokwesini ubudala, ukukhubazeka, inkolo, isazela, inkolelo, inkcubeko, ulwimi nokuzalwa njengoko zandlaliwe kwiCandelo 9 loMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika (UMthetho 108 wowe-1996).
Wakudibana nenkqubo yobulungisa kulwaphulo-mthetho amalungelo alandelayo akwiTshatha yaMaxhoba nangokwemigqaliselo yomgaqo-siseko nowiso-mthetho olusemxholweni aya kuhlonitshwa:
Ilungelo lokuba uphathwe ngobulungisa nembeko ngenxa yesidima sakho nobomi obubobakho bangasese
Ilungelo lokunika ulwazi
Ilungelo lokufumana ulwazi
Ilungelo lokhuselo
Ilungelo loncedo
Ilungelo lesibonelelo
Ilungelo lembuyekezo
IINKQUBO NOXANDUVA LWABATHATHI-NXAXHEBA ABAFANELEKILEYO BESEBE KWINKQUBO YEZOBULUNGISA KULWAPHULO-MTHETHO
Kuya kwenzeka ntoni?
Ukuba kwaphulwe umthetho:
Ukuba kwaphulwe umthetho yaze loo nto yaxelwa kwiNkonzo yamaPolisa yaseMzantsi Afrika inkqubo yezobulungisa kulwaphulo-mthetho iya kuma ngeenyawo. Inkonzo yamaPolisa yaseMzantsi Afrika inoxanduva lokuphanda ulwaphulo-mthetho kwaye ize nabo ngaphambili abenzi bobugwenxa. Xa kubekwe isimangalo, ipolisa liya kuvula idokethi lize liphande ngesimangalo eso. Ukuba ipolisa aliqinisekanga nokuba kumele kulandele utshutshiso, isimangalo esi asisayi kuziswa ngaphambili ngokukhawuleza. Phofu ke, ipolisa liya kuqhuba liphande ngetyala elo lize lingenise idokethi lepolisa kumtshutshisi woluntu ukuze yena athathe isigqibo.
Ukususela ngexesha okophulwe ngalo umthetho yaze loo nto yaxelwa, kubalulekile ukuba bonke ubungqina obukhoyo buqokelelwe kwaye bukhuselwe ngendlela apha eya kuba luncedo kuphando lwetyala nasekuxoxweni kwetyala. Ukwenzakala okanye umonakalo owufumeneyo zizinto ezo ezinokunceda ukuxhasa ubungqina bakho bokuchasa ummangalelwa. Ingxelo kagqirha kufuneka izaliswe ingeniswe nayo apho kufunekayo.
Xa umntu emangalelwe, ityala libhekiswa enkundleni apho umtshutshisi abanoxanduva lokuthetha ityala.
Xa ityala lidluliselwe kumtshutshisi:
Umtshutshisi uya kuwaqwalasela ngocoselelo onke amanqaku etyala. Umtshutshisi angenza enye kwezi zinto zintathu:
Agqibe ekubeni kukho ubungqina obaneleyo angatshutshisa ngabo aze aqhube nokutshutshisa.
Agqibe ekubeni kusafuneka olunye ulwazi ukuze kuthathwe isigqibo esisekwe kwinto eyaziwa kakuhle, ngoko ke xa kunjalo ayalele igosa eliphandayo ukuba maliphande ngakumbi ngetyala elo.
genxa yezizathu ezahlukeneyo, njengezimvo zoluntu, agqibe ukubeni azirhoxise izimangalo.
Umtshutshisi xa ethatha nasiphi na isigqibo kwezi zingentla uya kukucingela nawe kwaye usenokugqiba ekubeni aziguqule izimangalo, ngokuxhomekeka kumanqaku achanekileyo etyala.
Ungalindela inkqubo ekhawulezileyo nesebenzayo eya kuqinisekisa ukuba ityala liya enkundleni ngokukhawuleza.
Ungalindela ukuba umtshutshisi uya kucela lonke ulwazi oluhambelana neenkqubo zebheyile kwigosa eliphandayo aze olo lwazi aluthi thaca enkundleni ukuqinisekisa ukuba isigqibo sokunika okanye sokunganikwa ibheyile kommangalelwa sithathwa kucingelwa wena nokhuselo lwakho.
Phambi kokwamkela ingxelo yommangalelwa umtshutshisi uya kuzithathela ingqalelo izimvo zakho nezosapho lwakho.
Ukuba ubizwe njengengqina xa kutshutshiswa:
Ipolisa liya kukwazisa ukuba kufuneka uze enkundlelni njengengqina. Amatyala amaninzi aqhutyelwa kwinkundla kamantyi ukuze amatyala aqatha aye kwinkundla yommandla okanye kwinkundla ephakamileyo.
Ukusa ityala enkundleni kusenokuba nzima ingakumbi xa bebaninzi abantu ababandakanyekayo. Abo baphethe ityala bakuzama kangangoko ukuqinisekisa ukuba ityala liya enkundleni ngokukhawuleza.
Igosa eliphandayo, umtshutshisi woluntu ophezulu okanye ummeli weOfisi yoMlawuli wezoTshutshiso loLuntu liya kuqinisekisa ukuba , emva kokuhlolisiswa kokuqala kwaze kwahlangatyezwana nezinto eziyimfuno, uya kufakwa kwinkqubo yokhuselo ukuba kukho izoyikiso.
Ukuba kufuneka ube lingqina enkundleni:
Ukunika ubungqina enkundleni kungamxikiza umntu. Abo babandakanyekayo - ipolisa, umtshutshisi nabasebenzi basenkundleni - baya kukuxhasa, balungise baze bakunike ulwazi oluninzi kangangoko ngento enokwenzeka.
Uya kunikwa isamani ekwazisa ngokuba ityala liza kubanini kwaye liza kuqhutyelwa phi na. Iphetshana elichaza into eza kwenzeka enkundleni liya kuhamba nesamani kwiimeko ezithile. Ukuba uya kwinkundla kamantyi kwaye unemibuzo ngezinto ezikhoyo enkundleni kufuneka uqhagamshelane negosa eliphandayo kwityala elo okanye, xa efumaneka, umncedisi wexhoba okanye igosa elilungiselelayo eliya kukusa okanye likuthumele kumntu ochanekileyo oya kukudibanisa nenkundla.
Xa ufika enkundleni, usenokufumana imiqondiso ekukhombisayo ecacileyo eya kukunceda uyifumane indlela yakho. Ukuba akukho miqondiso ekhombayo ecacileyo kwaye awazi apho ikhoyo inkundla, buza kwiDesika yoNcedo,/yoLwazi/yeNgcebiso, xa ikhona, ukuba ubungqina bakho buza kuqhutyelwa kweliphi na igumbi okanye ubuze ngezinto ezikhoyo enkundleni. Usenokuthetha namalungu abasebenzi bezotshutshiso abaya kukwazi ukukunceda kwimibuzo yonke onayo malunga neenkqubo. Umtshutshisi ophethe ityala lakho uya kukwazi ukukuxelela ukuba uza kulinda kangakanani na phambi kokuba unike ubungqina.
Umtshutshisi uya kuzama kangangoko ukuqinisekisa ukuba ubizwa ngokukhawuleza ukuba uze kunika ubungqina. Umtshutshisi ojongene netyala lakho uya kuthi apho kufanelekileyo abonisane nawe phambi kokuba ubizwe uze kunika ubungqina. Phofu ke, ngamanye amaxesha kubakho izinto ezilibazisayo. Kufuneka uqiniseke ukuba ufika enkundleni ngexesha. Kufuneka umxelele umtshutshisi ukuba uza kufika kade okanye awuzukwazi ukubasenkundleni ngalo mhla wenkundla obekiweyo.
Etyaleni:
Ukuba kufuneka unike ubungqina, usenokuthi kwiimeko ezithile, ucele umhlobo okanye umntu okuxhasayo ukuba akukhaphe xa usiya enkundleni . Xa ugqiba kunika ubungqina uya kuxelelwa ukuba ungahamba na. Ungahlala umamele inkqubo yonke ukuba uyafuna.
Umthetho uvumela la magatya alandelayo xa unika ubungqina.
Usenokuthi phantsi kweemeko ezithile unike ubungqina ngenkqubo kamabonakude esithelisiweyo ( loo nto ithetha ukuba awukho apha enkundleni apho kukho ummangalelwa, kodwa ukwelinye igumbi).
Usenokuthi kwakhona, ufumane uncedo lomlamleli xa unika ubungqina ngomabonakude osithelisiweyo ukuba ungaphantsi kwe-18 leminyaka kwaye ukuba igosa elongameleyo ( oko kutsho umantyi okanye ijaji) libona ukuba ukunika ubungqina etyaleni kungakuxikiza okanye kukuphathe kakubi,
Ukuba kufuneka unike ubungqina enkundleni oko kusenokuqhutyelwa ngasese (ekhusini) phantsi kweemeko ezithile .
Kufuneka ubungqina obuvakalayo obukumganagtho ophezulu phambi kokuba umntu afunyaniswe enetyala. Ukutshutshiswa kufuneka kumbonise ummangalelwa enetyala ngaphandle kwamathandabuzo. Akugwetywa wena, kodwa oko kusekwe kumandla onke okuthethwa kwetyala .
Umtshutshisi uya kubiza amangqina ombuso achasa ummangalelwa kwiimeko ezifanelekileyo. Kuya kubakho itoliki apho ifunekayo. Ummangalelwa uya kunikwa ithuba ukuba akubuze imibuzo, anike ubungqina kwaye kubizwe namangqina. Emveni kokuba inkundla ibuve bonke ubungqina betyala nempendulo yokuzikhusela, amaqela aya kuvunyelwa ukuba athethe abhekise enkundleni phambi kokuwiswa kwesigwebo.
Emva kokufunyaniswa unetyala
Ukuba ummangalelwa ubanjiwe (ufunyenwe enetyala), ukuthethwa kwetyala nempendulo yokuzikhusela kungakhokela ubungqina kwaye kuchazelwe nenkundla ngesigwebo esiza kunikwa. Oku kwenziwa ngohlobo lwempikiswano yokuba umntu anikwe isigwebo esiqatha okanye anikwe isigwebo esilula. Ukuba impikiswano ngokunikwa isigwebo esilula iquka ulwazi olungeyonyaniso, olu lwazi kufuneka lwaziswe inkundla. Kwinqanaba lesigwebo usenokufuna ukubonelelwa ngomonakalo. Ukuba inkundla inika isibonelelo, loo nto ayithathwa njengesigwebo, ngoko ke isipho eso singongezwa phezu kwalo naluphi na uhlobo lwesohlwayo. Inkundla ingasimisa isigwebo kwiimeko ezithile, kuqukwa nemeko apho ummangalelwa kufuneka akunike isibonelelo. Umtshutshisi angangenisa ingxelo evakalayo okanye akhokele obunye ubungqina xa bukhona obuxhasa isigqibo esifanelekileyo.
Phambi kokuwiswa kwesigwebo, igosa elongameleyo, umtshutshisi okanye umenzi wentetho yokuzikhusela lingacela igosa elilinda amabanjwa okanye nayiphi na ingcali ukuba ibhale ingxelo ngawe okanye ummangelelwa. Ingxelo ingaquka uhlolo lomphumela wolwaphulo-mthetho kuwe. Ulwazi lungathathwa kwingxelo oyenze emapoliseni okanye igosa elilinda amabanjwa lingadlana indlebe nawe ubuso ngobuso okanye ungabizwa uze kunika ubungqina kwinqanaba lesigwebo.
Ukuba ucinga ukuba isigwebo silula ungaxoxa ngalo mba noMtshutshisi oPhezulu okanye oyiNtloko, yena ke umtshutshisi angazisa uMlawuli kwezoTshutshiso loLuntu. UMlawuli kwezoTshutshiso loLuntu angabhena ngesigwebo kwinkundla yezibheno. Isibheno kufuneka senziwe ngexesha elixeliweyo.
Ummangalelwa angabhena ngesigwebo esiwiswe yinkundla. Ukuba isibheno sifakiwe, ungacela umtshutshisi kwityala lokuqala okanye igqwetha likarhulumente elijongene nesibheno ukuba likwazise ngokuqhubekayo kwityala elo, umzekelo, umhla obekiweyo wokumamela isibheno, ukuba ummangalelwa uyinikiwe na ibheyile nesiphumo sesibheno.
Ukuba kukho inkxalabo ngokhuseleko lwakho okanye olwengqina lombuso, umtshutshisi okanye ummeli ophuma kwiSigqeba soKhuselo lweNgqina uya kukwazi ukukucebisa ngento efanele ukwenziwa. Baya kukunceda kangangoko.
Xa kutsalwa isigwebo:
ISebe leeNkonzo zoLuleko liya kuqinisekisa ukuba izigwebo zitsalwa ngokusemthethweni. Xa kucingwa ngokukhululwa kommangalelwa, iSebe leeNkonzo zoLuleko liya kuqwalasela ngenyameko ukonganyelwa komntu omangalelweyo owaphulelwe isigwebo ngesithembiso sokuba akasayi kubaleka.
Ungacela ukuya ekuxoxweni kwamatyala yiBhodi yoLongamelo lwezoLuleko neSophulelo sesigwebo iBhodi yeSaphulelo sesigwebo. Ukuba ufuna ukuya, uya kwazisa ngomhla wokuxoxwa kwetyala kwaye iBhodi iya kuzithathela iingqalelo izinto ezikukhathazayo xa kuqwalaselwa ukophulelwa kommangalelwa.
Kwimeko nganye apho ummangalelwa ophulelwe isigwebo , iBhodi yeSaphulelo sesigwebo iya kubeka imiqathango ehamba nokukhululwa kommangalelwa ukuba loo nto iyibona njengento oyifunayo.
Ukuba, emva kokuba ummangalelwa ophulelwe isigwebo, uziphatha ngendlela apha ebonisa ukuba angayingozi kukhuseleko loluntu okanye waphula nayiphi imiqathango ehamba nesaphulelo sesigwebo, angabanjwa aze asidontse isigwebo esishiyekileyo entolongweni.
Ukuba udinga uncedo:
Amasebe amaninzi karhulumente aya kuba luncedo kuwe. Amapolisa aya kukunceda kwezi meko- imo emaxongo efuna umlamli; ukukuthumela kuncedo lonyango okanye uncedo lwasengqondweni; ukukuchazela ngeenkqubo zamapolisa ; ukukunika ulwazi ngamalungelo akho; ukukuthumela kwimibutho engeyokarhulumente nesekwe ekuhlaleni. (ii-NGO nee-CBO) okanye iinkonzo zasekuhlaleni zokuxhasa amaxhoba; ukuqinisekisa ukukhuseleka kwakho kwindawo yolwaphulo-mthetho; ekulondolozweni kobungqina; nokukucebisa ngothintelo lolwaphulo-mthetho.
Ukuba kukho isoyikiso emva kwesigwebo, wena,igosa eliphandayo okanye umtshutshisi kufuneka aqhagamshelane ngokukhawuleza neofisi yeSigqeba soKhuselo lweNgqina.
ISebe leeNkonzo zeNtlalo nabanye abaququzeleli beenkonzo zentlalo, ukuba bakhona, liya kunika iinkonzo zenkxaso nezemvakalelo ezingaquka neenkqubo zokulungiselela ukuya inkundleni.
Oonompilo baya kuqinisekisa ukuba amalungelo akho aqulethwe kwiTshatha yaMalungelo eZigulane ayahlonitshwa.
ISebe leMfundo liya kuqinisekisa ukuba iinkqubo zokulamla ezinjengokucebisa, iinkqubo zokuthumela nokuxhasa ezilungiselelwe amaxhoba zikhona kwinkqubo yemfundo.
IMIGANGATHO ENGENGAKANANI NGEENKONZO ZAMAXHOBA OLWAPHULO-MTHETHO
ILUNGELO LOKUBA UPHATHWE NGOBULUNGISA NEMBEKO NGENXA YESIDIMA SAKHO NOBOMI OBUBOBAKHO BANGASESE
Ungalindela ukuba bonke abathathi-nxaxheba kwinkqubo yobulungisa kulwaphulo-mthetho baya kukuphatha ngobulungisa, nembeko ngenxa yesidima sakho nobomi obubobakho bangasese nangendlela enovakalelo.
Ukuba ulwaphulo-mthetho luxeliwe emapoliseni, ungalindela ukuba-
ulwaphulo-mthetho luya kuphandwa ;
ukuba ulwaphulo-mthetho uluxele ngokuba uqhagamshelane namapolisa aya kuphendula ngokukhawuleza kangangoko;
kuya kuthatyathwa amanyathelo ukucutha nayiphi na ingxaki onokuba ukuyo;
ipolisa liya kuthatha ingxelo kuwe ukuze lizalise iifomu ezifanelekileyo zokubhalisa ulwaphulo-mthetho;
uya kuthunyelwa kugqirha okanye kwindawo yengcebiso ukuba kuyafuneka oko;
ukuba ulixhoba lobundlobongela kwezesndo kuya kudliwana iindlebe nawe bucala lilungu lamapolisa;
kuya kudliwana iindlebe nawe ngolwimi oluvayo kwaye ukuba umntu othetha nawe akakwazi ukuthetha ulwimi oluvayo, ungacela itoliki; kwaye ungacela ukuba ilungu lamapolisa elidlana indlebe nawe ibe lelesini esifana nesakho, ukuba likhona, isicelo sakho siya kwamkelwa.
Ukuba ityala liya enkundleni ungalindela ukuba :
liya kuqinisekisa ukuba ukuxoxwa kwetyala kuqhutywa ngendlela apha engaphazamisanayo nelungelo lokuphathwa kwakho ngobulungisa nembeko ngenxa yesidima sakho nobomi obubobakho bangasese.
umtshutshisi-
uya kuthatha amanyathelo ingakumbi kwizenzo ezibi ezinxulumene nesondo nobundlobongela basekhaya, ukuqinisekisa ukuba, apho imeko ivumayo, ityala liphethwe ngumtshutshisi omnye ngalo lonke ixesha lokuxoxwa kwalo;
uya kukubiza uze kunika ubungqina ngokukhawuleza , kwaye ukuba kukho into elibazisayo umtshutshisi ochophele ityala lakho uya kukuchazela ukuba kutheni na kukho ukulibaziseka kwaye ungalinda ixesha elingakanani na;
uya kukunika ithuba lokuba uzikhumbuze, ufunde ingxelo yakho kwaye apho kukho imfuneko, abonisane nawe;
ilungu labasebenzi basenkundleni liya kukwazisa ukuba unelungelo lokuhlawulelwa iindleko zokuhamba kwanezinye iindleko ezithile ngexesha olichithe enkundleni uye kunika ubungqina kwaye liya kukunika nolwazi lokukunceda ukwazi ukubanga ezi ndleko.
abasebenzi basenkundleni -
baya kuzama kangangoko banakho ukukukhusela ukuba ungaphindi uphatheke kakubi okanye wenzakaliswe emoyeni ngento eqhubeka enkundleni;
baya kutyumba , xa befumaneka abasebenzi namavolontiya aqeqeshiweyo aphuma kwiiNkonzo zokuXhasa iXhoba ukuba bakuncedise wena nosapho lwakho enkundleni phambi kokuxoxwa kwetyala , xa kuxoxwa ityala nasemva koko;
kuya kuthi ngesicelo ukuba kunokwenzeka, bakuvumele ulibone igumbi lasenkundleni ekuza kuxoxelwa kulo phambi kokuba ityala liqale ukwenzela ukuba uziqhelanise nezinto ezikhoyo zokuzilungiselela ukuze wazi ukuba ulindele ntoni xa unika ubungqina;
baya kuvumela umntu okuxhasayo (isizalwane okanye umhlobo) akukhaphe ukuya enkundleni, kwaye baya kukuvumela, ngokwenza isicelo kwaye ukuba izinto/ indawo iyavuma ulinde kwindawo eyahlukileyo kweyommangalelwa okanye kweyamangqina akhe kweli tyala.
ukuba kudliwana indlebe nawe, loo nto iya kwenziwa ngasese, incoko leyo iya kuthathwa njengehlebo/njengemfihlo kwaye kuya kudliwana indlebe nawe ngolwimi oluvayo;
awusayi kuyekwa ujongane natyala wedwa. Ukuba ubungekalixeli ityala elo emapoliseni, umququzeleli weenkonzo zentlalo uya kukuncedisa ukuxela ityala;kwaye ukuba ulixhoba letyala lezesondo, amapolisa anokuzifuna iimpahla ubuzinxibile njengobungqina, into ethetha ukuba kwimeko enjalo ungacela umququzeleli weenkonzo zentlalo ukuba akuncedise ukufumana enye impahla yokunxiba.
Kwicala loonompilo ungalindela ukuba -
uya kuhlolwa ngokupheleleyo emzimbeni ukuze kujongwe nemo yakho yengqondo neyemvakalelo;
kuya kuboniswana nawe kwindawo eyodwa enika umoya wobumfihlo, wokuba ngasese nesidima kwaye kuya kuthethwa ngolwimi oluvayo;
uya kucelwa ukuba uvume ukuxilongwa okanye unyangwe, kodwa uyakwaziswa ukuba ungala ukuxilongwa , kwimeko enjalo ke iziphumo zoko uya kuzichazelwa;
kwityala lezesondo ukuba kuceliwe oko kwaye kunokwenzeka, uya kuxilongwa kwaye unyangwe ngugqirha wesini esifana nesakho;
oogqirha baya kuqinisekisa ukuba ingxelo yoxilongo ifakiwe kwiirekhodi zakho zetyala;
Uya kunyangwa ngokukhawuleza ngokubhekiselele kumalungelo akho aqulethwe kwiTshatha yaMalungelo eZigulane.
Kwicala lamagosa eeNkonzo zoLuleko ungalindela ukuba-
ukuba ucelwe ukuba ube khona xa kuxoxwa ngesaphulelo sesigwebo, uSihlalo weBhodi yoLongamelo lwezoLuleko neSaphulelo sesigwebo uya kuthi phambi kwetyala akwazise ngolwimi oluvayo ngenkqubo eza kulandelwa ngexesha letyala nento elindelekileyo kuwe;
ukuba uya kwityala elixoxwa yiBhodi yeSaphulelo sesigwebo kwaye kufuneka ube negalelo, ungacela nawuphi na umntu omthandayo ukuba akukhaphe akunike inkxaso xa usiya etyaleni; kwaye ukuba uya kwityala elixoxwa yiBhodi yeSaphulelo sesigwebo kuya kwenziwa zonke iinzame zokukukhusela ukuba ungaphatheki gadalala okanye wenzakaliswe emoyeni kwakhona ngexesha kuxoxwa ityala.
ILUNGELO LOKUNIKA ULWAZI
Ngexesha lokuphandwa kwetyala ungalindela ukuba-
a. ipolisa liya kuthatha ingxelo yakho kwaye likucele uyifunde ukuze ungqine okuqulethwe yiyo ngokuba uyisayine ;
b. ukuba awukwazi ukufunda, xelela ipolisa , kwimeko enjalo ipolisa liya kukufundela ingxelo leyo lize likucele ukuba ungqine okuqulethwe yiyo ngokuba usayine okanye ugximfize ubhontsi wakho kuyo; kwaye c. ukuba itoliki ikhona kwaye unqwenela ukuba ingxelo yakho uyifundelwe ngolwiimi oluvayo phambi kokuba ungqine ngokusayina okanye ngokugximfiiza ubhontsi, itoliki iya kukwenzela oku.
ukuba uqonda okokuba ingxelo yakho ayiphelelanga okanye ayichanekanga ncam, uya kuvunyelwa ukuba uyongeze okanye uyilungise okanye wenze enye ingxelo;
uya kunikwa ithuba lokuba uchaze kwingxelo yakho indlela ulwaphulo-mthetho olukuchaphazele ngayo kwaye apho kufanelekileyo ziya kuthathelwa ingqalelo izimvo zakho;
uya kwaziswa into yokuba ungayicela ikopi yengxelo yakho;
ipolisa liya kufuna iinkcukacha zelahleko , umonakalo okanye ukwenzakala kwaye yonke loo nto iya kubhalwa phantsi igcinwe;
uya kucelwa ukuba uhlale ulazisa igosa eliphandayo ngedilesi yakho, apho kungaqhagamshelwana nawe khona, apho ukhoyo de uphando netyala zigqityiwe; kwaye uya kucelwa ukuba ulazise igosa lophando ukuba ummangalelwa uya kuphazamisa okanye uzama ukuphazamisa uphando lwetyala, ukuba akazi kuza etyaleni okanye ukuba uyakoyikisa.
Ukuba ityala liya enkundleni ungalindela ukuba :
umtshutshisi -
phakathi kwezinye izinto, azithathele ingqalelo izimvo zakho xa ecinga ukuba atshutshise okanye angatshutshisi;
uya kukucela ukuba udize naluphi ulwazi oluluncedo kwisigqibo esinxulumene nokukhululwa kommangalelwa ngebheyile, umzekelo, into yokuba ummangalelwa uphazamisana nobungqina okanye namangqina okanye ummangalelwa uyakoyikisa okanye woyikisa usapho lwakho okanye ummangalelwa akazukuya etyaleni; kwaye, ukuba kufanelekile, umtshutshisi uya kukubiza ukuba unike ubungqina ngokubhekiselele koku xa kuxoxwa ngebheyile;
uya kukunika ithuba lokuba uzikhumbuze, oko kuya kwenziwa ngokuba kuboniswane nawe okanye ngokuba uvunyelwe ufunde ingxelo yakho phambi kokunika ubungqina;
uya kubonisana nawe phambi kokwamkela isicelo sommangalelwa kwaye akucele ukuba uchaze indlela ulwaphulo-mthetho olukuchaphazele ngayo wena nosapho lwakho. Ngexesha lokubonisana uya kufumana ithuba lokuba uthethe ungafihlisi unike iinkcukacha zelahleko okanye ukwenzakala okufumeneyo ngenxa yolu lwaphulo-mthetho. Umtshutshisi uya kuziqwalasela ezi meko phambi kokuba athathe nasiphi isigqibo sokwamkela izicengo zokuba kuthotywe isigwebo. Iya kudizwa enkundleni imiphumela yolu lwaphulo-mthetho kuwe nakusapho lwakho okanye uya kunikwa ithuba lokuba unike ubungqina enkundleni okanye kuya kungeniswa ingxelo elungiswe yingcali ngexesha lokuwiswa kwesigwebo; kwaye kweli nqanaba lokubonisana uya kukucela ukuba wongeze nawaphi na amanqaku ebengekafakwa kwingxelo yakho. Ukuba asemxholweni la manqaku, umtshutshisi uya kuwachaza kwintetho yokuzikhusela phambi kokuxoxwa kwetyala.
abaququzeleli beenkonzo zentlalo-
ukuba kuyafuneka baya kudlana indlebe nawe kwaye ukuba kufuneka ubungqina bukagqirha kweli tyala benze amalungiselelo okokuba uxilongwe ngugqirha; kwaye baya kukugcina usebenza nabantu abanye kangangoko banakho ngokuqinisekisa ukuba umququzeleli weenkonzo zentlalo okanye ivolontiya abelisebenza nawe ukususela mhla waxela ulwaphulo-mthetho ihlala ingumntu omnye de ligqitywe ityala.
oonompilo -
ukuba inkundla (umtshutshisi okanye umantyi) ucela ukuba benze njalo, baya kunika inkundla iirekhodi zakho zikagqirha kwakunye naluphi olunye ulwazi obanike lona oluhambelana netyala.
Amagosa eeNkonzo zoLuleko -
aya kukuvumela ukuba wenze isicelo esibhaliweyo esiya kuSihlalo weBhodi yoLongamelo lwezoLuleko neSaphulelo sesigwebo ukuba uye kwityala lesaphulelo sesigwebo kwaye uSihlalo uya kukwazisa ngexesha, umhla nendawo yetyala;
ukuba uya kwityala elixoxwa yiBhodi yoLongamelo lwezoLuleko neSophulelo sesigwebo uya kukuvumela wenze igalelo etyaleni ngomlomo okanye ungenise igalelo elibhaliweyo.
ILUNGELO LOKUFUMANA ULWAZI
Ukuba ityala lixeliwe ungalindela ukuba amapolisa aya kukwazisa -
ngobume nenjongo yengxelo yakho;
ngegama nenombolo yefowuni yegosa eliphandayo elijongene neli tyala nenombolo yamapolisa yetyala (iCAS okanye iNombolo yeNkqubo yoLawulo loLwaphulo-mthetho);
ukuba kunokwenzeka uzifunele umtshutshisi wabucala ngeendleko zakho xa uMlawuli wezoTshutshiso loLuntu esala ukuba ngumtshutshisi kweli tyala; kwaye ngesicelo, aya kwazisa ngeenkcukacha ezinxulumene noku kulandelayo:
a. Ukubanjwa komrhanelwa b. Ukuba ingaba kufuneka uye na xa kukhonjwa umrhanelwa nomhla lowo wokwenza oko c. Inombolo yetyala lenkundla d. Imihla yetyala lebheyile e. Isiphumo setyala lebheyile (ukuba ngaba umrhanelwa uza kukhululwa ngebheyile na)
f. Ukuqhubela phambili kophando nokuxoxwa kwetyala g. Nasiphi na isigqibo sokurhoxisa okanye ukujika kakhulu isimangalo h. Ukuba kufuneka uye kwiinkqubo zasenkundleni nomhla okanye imihla yezo nkqubo.
Umhla wokuxoxwa kwetyala nesiphumo sokugqibela j. Umhla wesigwebo nesiphumo k. Ukuba ngaba ummngalelwa ufake isibheno ngokufunyaniswa enetyala okanye isigwebo nesiphumo sokubhena l. Impahla ibibanjiwe ingabangwa njani kwaye nini kwakhona.
m. Ziziphi iinkonzo ezikhoyo zokujongana nezidingo zakho kwaye nendlela yokusebenzisa ezi nkonzo.
abasebenzi basenkundleni-
apho kunokwenzeka nangesicelo sakho baya kukuvumela ubone igumbi lenkundla phambi kokuqala kwetyala ukuze uyazi into omawuyilindele; kwaye baya kuqinisekisa ukuba kukho imiqondiso neempawu ezicacileyo ezikhomba indlela kwaye baya kukubonisa indlela eya enkundleni. Apho ikhoyo iDesika yoNcedo/yoLwazi/yeNgcebiso baya kuwazisa ngegumbi ekuza kuqhutyelwa kulo ityala.
umtshutshisi ochophele ityala lakho-
uya kwazisa umqeshi wakho ngazo naziphi iinkqubo eziya kwenza ungabikho emsebenzini;
uya kwazisa ukuba uMlawuli wezoTshutshiso loLuntu ugqibe ekubeni angatshutshisi kweli tyala, ungafuna utshutshiso lwabucala kwaye akwazise nenkqubo elandelwayo xa usenza oko;
uya kukwazi ukuphendula imibuzo yakho engenkqubo yasenkundleni, ukuba kukho ukulibaziseka uza kwazisa ukuba mhlawumbi kufuneka ulinde ixesha elingakanani na phambi kokuba unike ubungqina;
xa kufuneka,uya kukunika ithuba lokubonisana phambi kokuthatha izigqibo ngetyala;
uya kwazisa ngesiphumo seenkqubo zebheyile, naziphi na iimeko zebheyile ezizodwa ezibekiweyo, achaze ukuba ezo meko zebheyile zithetha ntoni na;
uya kukukhusela kwimibuzo engqwabalala, enobungozi nethoba isidima; kwaye uya kwazisa ngesiphumo setyala kwaye nokuba kukho isibheno malunga nokufunyaniswa enetyala okanye isigwebo.
abaxhasi bexhoba okanye abaququzeleli beenkonzo zentlalo -
baya kuchaza amalungelo akho neenkqubo eziza kulandela;
ngokucelwa, bakuncedise ukukhangela ityala kwinkqubo;
ukuba kunokwenzeka,bakukhaphe uye enkundleni phambi kokuxoxwa kwetyala ukuze uziqhelanise negumbi lenkundla nokulingqongileyo; kwaye bakuxhase bakunike nengcebiso okanye bakuthumele kwiinkonzo zengcali yengcebiso nenkxaso.
ukuba unompilo uyabandakanyeka kwityala ungalindela ukuba-
uya kukunika ulwazi ngeenkqubo zokuxilongwa nokunyangwa eziza kwenziwa kuwe;
ngokucelwa, uya kukunika ikopi yengxelo zikagqirha;
uya kwazisa ngeenkonzo zenkxaso zasekuhlaleni ezikhoyo neefowuni eziluncedo.
amagosa aphuma kwiinkonzo zemfundo-
. ngokucelwa, aya kwazisa ngeenkonzo zesikolo zamaxhoba ezikhoyo kwindawo leyo.
Ukuba ummangalelwa ugwetyelwe ukudontsa entolongweni iSebe leeNkonzo zoLuleko:
liya kuthi ngokucelwa likwazise ukuba ummangalelwa iya kuqwalasela nini na imeko yakhe yokuba anikwe isophulelo sesigwebo;
liya kuthi ngokucelwa ukuba kunokwenzeka, likwazise ngeenkonzo ezikhoyo zenkxaso nezengcebiso ngexesha lokuxoxwa kwetyala yieBhodi yeSaphulelo sesigwebo;
liya kwazisa ngokubhala nangaziphi na iinguqu kwimihla yetyala okanye ukumiselwa kwelinye ixesha, isiphumo sengxoxo yeBhodi yeSaphulelo sesigwebo nazo zonke iimeko ezibekiweyo;
ukuba ubucele ukubakho xa Bhodi yeSaphulelo sesigwebo ixoxa ngesaphulelo, uSihlalo uya kukwazisa ngolwimi oluvayo ngeenkqubo ezilandelwayo ngexesha lengxoxo nento elindelekileyo kuwe; kwaye ngokucelwa nangokuvuma kommangalelwa akwazise ngeenkqubo zophuhliso ummangalelwa azihambileyo okanye azihambayo ukuphucula isimilo sakhe.
ILUNGELO LOKHUSELO
Xa ulwaphulo-mthetho luxeliwe emapoliseni-
kwaye ulingqina kwaye wena okanye ilungu losapho lwakho liyoyikiswa okanye ubomi bakho busengozini, kufuneka uyixele le nto ngokukhawuleza emapoliseni okanye kumtshutshisi woluntu ophezulu enkundleni uze wenze isicelo sokhuselo lwengqina, kwimeko enjalo ke ungalindela isoyikiso eso siya kuphandwa ngamapolisa;
ukuba isoyikiso eso sifunyaniswe sikhona, uya kucelwa ungene kwisivumelwano neSigqeba soKhuselo lweNgqina phambi kokuba ungeniswe kwiNkqubo yoKhuselo lweNgqina;
ukuba ufakiwe kwiNkqubo, kufuneka uthobele yonke imithetho eyandlalwe kwisivumelwano. Ulwazi olukwesi sivumelwano luya kuba yimfihlo;
ukuba awusithobeli isigqibo uzibeka emngciphekweni kwaye ungakhutshwa kwiNkqubo yoKhuselo lweNgqina;
kungenziwa amalungiselelo okuhlawulwa kwesibonelelo ngeli xesha ukwiNkqubo, ngokumiselwa nguMthetho nemimiselo yoKhuselo lweNgqina;
kuya kufuneka unike zonke iinkcukacha zakho zezezimali kumagosa eNkqubo yoKhuselo lweNgqina, ukuze kube nokumiselwa izibonelelo ezichanekileyo;
xa wamkelwe kwiNkqubo, uya kuhlaliswa kwindlu ekhuselekileyo kwaye akukho mntu, phantsi kwazo naziphi na imeko, namalungu osapho lwakho nakakade uya kunikwa idilesi yakho;
emveni kokuba unike ubungqina, uya kunikwa isaziso esikuxelelayo ukuba uza kususwa kwiNkqubo ngethuba elivakalayo;
ungaqhagamshelana negosa eliphandayo kwisikhululo samapolisa okanye nomtshutshisi ophezulu woluntu nangaluphi na olunye ulwazi ngeNkqubo yoKhuselo lweNgqina.
ukuba awufuni ummangalelwa azazi iinkcukacha zakho ungaqhagamshelana negosa eliphandayo okanye umtshutshisi ucele ukuba ummangalelwa angazinikwa;
igosa eliwenzayo umsebenzi walo liya kuthi ngalo lonke ixesha liqinisekise ukuba nayiphi na impahla eyeyakho egcinwe ngenxa yokuba bubungqina, igciwa kakuhle kwaye ibuyiselwa kuwe xa ingasefuneki nganto; kwaye ukuba ungummangali kwityala lobundlobongela basekhaya kwaye kukho izizathu ezenza ipolisa libone ukuba ungenzakala ngenxa yokophulwa komyalelo wokhuselo ngummangalelwa -
ungangenisa ubungqina emapoliseni uchaze ukophulwa komyalelo ngummngalelwa; kwaye ipolisa liya kumbamba ummangalelwa kwangoko ngokophula imiqobo ibibekwe yinkundla phantsi kweCandelo 7 loMthetho woBundlobongela baseKhaya No.116 wowe-1998.
Ukuba ityala liya enkundlelni ungalindela ukuba:
umtshutshisi -
uya kwazisa ukuba, ukuba ummangalelwa ungaphantsi kweshumi elinesibhozo leminyaka ubudala ungangabikho xa kuxoxwa ityala ngaphandle kokuba ubukho bakho bugunyaziswe yinkundla; okanye apho ingqina lingaphantsi kwe-18 ubudala ungakhutshelwa ngaphandle ungabumameli ubungqina obunikwa lelo ngqina;
uya kwazisa ukuba kwiimeko ezithile inkundla ingakunqanda ukupapashwa kwalo naluphi ulwazi (kuqukwa amagama ommangali okanye engqina) ngokunxulumene netyala okanye nayiphi na inxalenye yalo egcinwe ekhusini; kwaye uya kwazisa apho kufanelekileyo ukuba nawuphi na umntu opapasha ngokungekho emthethweni naluphi na ulwazi okanye adize ngokungekho emthethweni amagama engqina unetyala kwaye angatshutshiswa.
abaququzeleli beenkonzo zentlalo -
baya kuthatha amanyathelo ukuqinisekisa ukuba wena okanye usapho lwakho anikho semngciphekweni wengozi.
oonompilo-
baya kunika ingxelo okanye bathumele emapoliseni nayiphi imeko apho bakrokrela ulwaphulo-mthetho.
Iinkonzo zoLuleko ukuba ubucele ukuba uxelelwe ngokutsala isigwebo kommangalelwa, abeeNkonzo zoLuleko baya kwazisa ukuba ummangalelwa ubalekile ejele, bakwazise nangokutshintshelwa kwenye indawo kommangalelwa neenkcukacha zoko;
kudlwengulo okanye kumatyala okuxhatshazwa ngokwesondo, iBhodi yeSaphulelo sesigwebo ingafaka kwiimeko zesaphulelo sommangalelwa ukuba kuyafuneka, amagatya amthintelayo ukuba ahlangane nawe.
ILUNGELO LONCEDO
Ungalindela ukuba amapolisa aya kukunceda-
ngokubhekisa kwabanye abaququzeleli beenkonzo ukuba banike inkxaso efunekayo balamle kwiindawo ezimaxongo- umzekelo, uncedo lokuqala lonyango;
ngokuchaza iinkqubo ezilandelwa ngamapolisa;
ngokukuxelela ngamalungelo akho;
ngokuthatha ukhuseleko lwakho njengoyena ndoqo;
ngokulondoloza ubungqina;
ngokukunika ingcebiso malunga nokuthintela ulwaphulo-mthetho ; kwaye ngokunqanda ubundlobongela kwindawo yolwaphulo-mthetho.
Ukuba ityala liya enkundleni ungalindela ukuba-
umtshutshisi uya kumandlalela urhulumente ityala kwaye uya kuziqwalasela izimvo zakho;
ungaxoxa ngetyala kunye negqwetha olithandayo ingakumbi ukuba uceba ukwenza ibango lokubonelelwa ngomonakalo okanye ukwenzakala emzimbeni nasengqondweni;
aya kwenziwa amalungiselelo okuba kubekho itoliki, kwaye apho kufanelekileyo kuya kwenziwa ukuba ulwazi malufikelele nakwabakhubazekileyo;
abantu abakhubazekileyo xa imeko ivuma baya kunikwa inkxaso abayidingayo;
amatyala aquka amatyala ezesondo aya kuxoxwa kwiinkundla ezizodwa kwiindawo ezinazo ezo nkundla ;
umtshutshisi namapolisa baya kwazisa ukuba ukuba ungaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo ubudala kwaye ukunika ubungqina etyaleni kungakuxikiza engqondweni okanye kukuhlungise , inkundla ingathi ngokwenza isicelo kumtshutshisi ityumbe umlamleli (umntu oza kungena phakathi) oza kwenza ubenakho ukunika ubungqina usebenzisa lo mntu ungumlamleli okanye iyalele ukuba unike ubungqina ngoqhagamshelwano lomabonakude osithelisiweyo;
igosa elongameleyo liya kwazisa ukuba umlamleli angakucacisela into ethethwa ngumbuzo ngamnye owubuzwayo ngaphandle kokuba inkundla ibona ngolunye uhlobo;
a. engacwangcanga kangangoko ukuze ukhululeke;
b. eme ngohlobo lokuba nawuphi na umntu obukho bakhe obunokukuphazamisa awumboni futhi awumva;
c. eyenza inkundla naye nawuphi umntu ofaneleke ukuba abekho uyabona kwaye ukuva ngokungqalileyo okanye ngesixhobo se-elektonika wena nomlamleli wakho ngexesha lobungqina.
amatyala abandakanya amaxhoba asesichengeni aya kukhawuleziswa kangangoko; kwaye ukuba kufuneka kusetyenziswe uqhagamshelwano lomabonakude osithelisiweyo (i-CCTV) ngexesha leenkqubo zasenkundleni, umtshutshisi uya kukuchazela indlela ezisebenza ngayo izixhobo okanye apho kunokwenzeka, akuvumele nabazali bakho okanye umzali okugcinayo niboniswe ukusebenza kwezixhobo phambi kokuba kuxoxwe ityala.
Abaququzeleli beenkonzo zentllalo apho kunokwenzeka naxa befumaneka -
baya kunika ingcebiso nenkxaso ebonwayo baya kukuncedisa ngokuba benze iinkonzo zabaququzeleli beenkonzo zentlalo okanye zamagosa angabalindi bamabanjwa zifumaneke kwaye benze oku -
a. bakuncede ukwazi ukuqhagamshelana nosapho okanye abahlobo b. bakuncede ukuba ubonisa iimpawu zokuxikizeka emva kwemeko le c. bakunike inkcazelo ngenkqubo eza kulandelwa d. bakuncede kunxibelelwano neNkonzo yamaPolisa yaseMzantsi Afrika nomtshutshisi e. bakuthumele kwinkonzo yengcebiso ukuba ukuxikizeka kuza ngamandla f. bakwenze ufikelele kulwazi neenkonzo, ingakumbi kwiindawo apho iinkonzo ezikhoyo zinabela kwi 'Nkxaso yeNkundla' kuqukwa -
ukukunceda uqonde inkqubo yenkundla;
ukukuchazela into eza kwenzeka enkundleni ukuba ubizwe njengengqina;
ukukuchazela ukuba ngoobani abaza kubasenkundleni neendawo abaza kuzidlala;
iv. ukukulungiselela ukuba unike ubungqina futhi kukhuthazwe nokuba ubonisane nomtshutshisi.
Kwicala lamagosa eeNkonzo zoLuleko ungalindela-
ngokwenza isicelo, uya kwaziswa ngezilungiso okanye ngotshintsho kwizigwebo zolongamelo loluleko; imisebenzi yeBhodi yeSaphulelo sesigwebo; indima yakho kwityala leBhodi yeSaphulelo sesigwebo nento omawuyilindele ngexesha lokuxoxwa kwetyala;
ukuba kuyafuneka, kuya kwenziwa amalungiselelo etoliki ngexesha lokuxoxwa kwetyala yiBhodi yeSaphulelo sesigwebo;
baya kuthi ngokucelwa, bangenelele phakathi kwakho nommangalelwa ukuba kukho isidingo soko;
ngokwenza isicelo okanye apho kufunekayo, umzekelo, ukuba ulixhoba kwaye ubanjiwe okanye kufumaniseka ukuba udinga inkxaso ngexesha lokuxoxwa kwetyala yiBhodi yeSaphulelo sesigwebo, uya kuthunyelwa kubaququzeleli beenkonzo abangabo ukuze uzuze ingcebiso okanye iinkonzo zenkxaso.
Ungalindela ukuba unompilo uya kuqinisekisa ukuba -
apho kufanelekileyo, ukhutshelwa isatifiketi sikagqirha sokungabikho esikolweni okanye emsebenzini .
ILUNGELO LESIBONELELO
Isibonelelo" sibhekisa kwisixa semali osinikwa yinkundla yolwaphulo-mthetho ukuba uye wanelahleko okanye wonakalelwe yimpahla/yipropati (kuqukwa imali) ngenxa yesenzo solwaphulo-mthetho okanye utyeshelo ngulo mntu ubanjelwe ukwaphula umthetho. Isipho sesibonelelo sizama ukubuyisela umamkeli kwisikhundla ebekuso phambi kwelahleko okanye komonakalo.
Ukuba ityala liya enkundleni ungalindela ukuba-
umtshutshisi nepolisa baya kuthi kwiimeko ezifanelekileyo bakwazise ukuba ungakho enkundleni ngomhla wokuwisa kwesigwebo kwaye ungacela umtshutshisi ukuba enze isicelo sesibonelelo enkundleni;
kwiimeko ezifanelekileyo, inkundla ingasimisa isigwebo ukuba ummangalelwa uya kubonelela ngelahleko nomonakalo owenzeke kwimpahla/kwipropati ngenxa yesenzo esigwenxa;
umtshutshisi uya kukwazisa kwaye umabhalana wenkundla uya kusinyanzelisa eso sipho;
umabhalana wenkundla okanye umtshutshisi uya kuthi kwiimeko ezifanelekileyo akwazise ukuba apho imali yommangalelwa ithathiweyo xa evalelwa , inkundla ingayalela imali enjalo ukuba uyihlawulwe ngokukhawuleza;
umtshutshisi uya kukwazisa ukuba, ukuba akukhutshwanga myalelo wesibonelelo, ngexesha lokuxoxwa kwetyala lolwaphulo-mthetho, ungamthathela inyathelo elisemthethweni ummangalelwa;
umtshutshisi okanye igosa elongameleyo (oko kutsho umantyi okanye ijaji) uya kwazisa ukuba isipho esenziwe yinkundla siyasichaphazela isigwebo kwaye angawunyanzelisa lo myalelo;
igosa elongameleyo liya kwazisa ukuba, ukuba isipho sikhutshiwe, uneentsuku ezingamashumi amathandathu zokusala eso sipho ngokuba ubhale phantsi , kwaye , ukuba ukwenzile oko, kufuneka ubuyisele nayiphi imali oyihlawuliweyo kurejistra okanye kumabhalana wenkundla;
igosa elongameleyo liya kwazisa ukuba, ukuba awusalanga isipho ngethuba leentsuku ezingamashumi amathandathu awunakho ukumthabathela inyathelo elisemthethweni ummangalelwa; kwaye ukuba wenza isicelo esiya enkundleni sokuba ubonelelwe ngeendleko zonyango ngenxa yokwenzakala emzimbeni ngexesha lolwaphulo-mthetho, unompilo okuxilongileyo uya kusixhasa isicelo sakho ngokuba anike ubungqina enkundleni kwaye anike nolwazi oluchanekileyo kwinkundla kuqukwa neengxelo zonyango.
ILUNGELO LEMBUYEKEZO
Imbuyekezo" ibhekisa kwiimeko apho inkundla, emva kokuba umntu efunyaniswe enetyala, iyalela ummangalelwa ukuba abuyisele kuwe ipropati okanye iimpahla ebezithathwe kuwe ngokungekho mthethweni okanye ezonakaliswe ngokungekho mthethweni, ngenjongo yokukubuyisela kwisikhundla sakho phambi kwesenzo sobugwenxa.
Ukuba ityala liya enkundleni ungalindela ukuba umtshutshisi -
uya kwazisa ukuba, kwiimeko ezifanelekileyo, ungacela umophuli-mthetho akubuyekeze kakuhle, wena, usapho lwakho okanye abantu abondliwa nguwe;
uya kwazisa ukuba imbuyekezo elolo hlobo iya kuquka ukubuyiselwa kwepropati okanye impahla okanye ukulungiswa kwempahla eyonakeleyo;
uya kwazisa ukuba isicelo sakho ngokubhekiselele koku singaxhaswa yinkundla kwaye kwiimeko ezifanelekileyo uya kuvunyelwa ungenise isicelo esinjalo enkundleni.
Isahlulo I
Izikhalazo
Onke amasebe namaziko onke abandakanyekayo etyaleni ajonge ukunika inkonzo ekumgangatho ophezulu, kodwa ngamanye amaxesha izinto azihambi kakuhle. Ukuba kuyenzeka oko, amasebe namaziko afuna ukwazi ukuba kwenzeke ntoni. Le ndawo yolu xwebhu ikuxelela into onokuyenza xa ungenelisekanga-
a. yindlela oye waphathwa ngayo;
b. lulwazi olufumeneyo; okanye c. zizigqibo ezithatyathiweyo
Ungafaka isikhalazo ngepolisa okanye ngomgaqo-nkqubo wenkonzo yamapolisa, indlela okwenziwa ngayo okanye inkqubo elandelwayo, ungakwenza oko ngokuba ubhalele uKhomishina weSikhululo samapolisa eso sibandakanyekayo.
Ukuba isikhalazo sakho singempahla zakho ezilahlekileyo okanye ezonakeleyo ngexesha zisemapoliseni, unganelungelo lokufumana isibonelelo. Thumela nayiphi na imibuzo kuKhomishina weSikhululo, okanye, ukuba aweneliseki, ungaya nakuKhomishina weNgingqi wesikhululo samapolisa neenkcukacha zebango lakho. Ukuba isikhalazo sakho asikhange sihoywe ngendlela ekwanelisayo, usenokuya kwi-Ofisi yoMkhuseli woLuntu.
Ukuba aweneliseki yindlela esiqwalaselwe ngayo isikhalazo sakho ungaya kwiCandelo Elizimeleyo leZikhalazo , kodwa nceda qaphela ukuba le ofisi kungayiwa kuyo nezikhalazo ezinxulumene namatyala angolwaphulo-mthetho okanye ukungaziphathi kakuhle kwamalungu eNkonzo yamapolisa iMetro (iMetro Police Service) namalungu eNkonzo yamaPolisa yaseMzantsi Afrika athe akawenza umsebenzi wawo.
Abatshutshisi:
Inkundla ebekuxoxwa kuyo ityala ingazisombulula izikhalazo ezininzi. Ukuba unesikhalazo ungabhala okanye wenze idinga noMtshutshisi oPhezulu woLuntu kwinkundla le ibijongene netyala. Phofu ke, xa iofisi yoMtshutshisi yengingqi ingasiphenduli ngokwanelisayo isikhalazo sakho, ungakhalaza kuMtshutshisi oyiNtloko wendawo leyo. Ukuba kwakhona isikhalazo sakho asihoywanga ngokwanelisayo, ungakhalaza kuMlawuli wezoTshutshiso loLuntu wendawo leyo. Yena uya kuzenzela olwakhe uphengululo. Ukuba nalapho aweneliseki, ungadibana noMlawuli kaZwelonke wezoTshutshiso loLuntu.
Ukuba isikhalazo sakho kusafuneka kwakhona ukuba siqwalaselwe de waneliseke, ungadibana neOfisi yoMkhuseli woLuntu. Nceda qaphela ukuba kungaziwa kule ofisi nezikhalazo ezinxulumene nenkqubo yolawulo. IOfisi yoMkhuseli woLuntu ayinakho ngokomthetho ukuba iphande izigqibo zenkundla.
Iinkundla:
Ukuba isikhalazo sakho singesimo segosa elongameleyo, ungabhala okanye wenze idinga lokubona iNtloko yeNtloko yezoMthetho yeSithili. Ungazifumana iinkcukacha zedilesi nefowuni kwinkundla kamantyi yengingqi.
Ukuba aweneliseki yimpendulo oyifumana kwiNtloko yeSithili, ungabhalela okanye wenze idinga neNtloko yezoMthetho yeSigqeba yommandla lowo.
Ukuba isikhalazo sakho singenkundla yommandla, ungabhala okanye wenze idinga lokubonana noMongameli weNkundla yoMmandla waloo ndawo. Ungazifumana iinkcukacha zedilesi nefowuni kwinkundla kamantyi yengingqi.
Ukuba isikhalazo sakho singeJaji yenkundla ephakamileyo, ungabhala okanye wenze idinga neJaji enguMongameli yeCandelo elo. Ungazifumana iinkcukacha zedilesi nefowuni kwinkundla kamantyi yengingqi okanye kwinkundla ephakamileyo.
Ukuba aweneliseki yimpendulo, ungabhalela kwiKhomishini kaMantyi ukuba isikhalazo sakho singenkundla kamantyi, okanye iKhomishini yeeNkonzo zaseMthethweni ukuba isikhalazo sakho singekundla ephakamileyo. Ukuba kwakhona awukaneliseki ungadibana neOfisi yoMkhuseli woLuntu.
Ukuba isikhalazo sakho singabasebenzi basenkundleni, umzekelo oomabhalana neetoliki ungabhala okanye wenze idinga lokubonana nomlawuli wenkundla. Ukuba aweneliseki yimpendulo yomlawuli wenkundla, ungabhalela umlawuli ophetheyo weenkonzo zenkundla okanye umlawuli jikelele.
Abaququzeleli beenkonzo:
Ukuba isikhalazo sakho singegosa leSebe lezoPhuhliso lweNtlalo, ungabhalela kwintloko yeofisi leyo. Ukuba aweneliseki yimpendulo ungaqhagamshelana neNtloko yeOfisi yommandla okanye yePhondo kwakunye neOfisi kaZwelonke.
Ukuba kwakhona awukeneliseki yimpendulo oyifumene kwigosa likarhulumente, ungaqhagamshelana neBhunga leMisebenzi yobungcali kwiNkonzo yeNtlalo okanye iOfisi yoMkhuseli woLuntu.
Oonompilo:
Ukuba awanelisekanga yinkonzo oyinikwe ngunompilo kwicandelo lempilo likawonke-wonke kufuneka kuqala ukhalaze kulo mntu obe kunceda. Phofu ke, ukuba isikhalazo sakho asisombululekanga ngokwanelisayo, ungasisa isikhalazo sakho kwintloko okanye kumphathi wale ndawo yempilo ubuxilongwe okanye ubunyangwe kuyo.
Ukuba awufumani mpendulo okanye aweneliseki okanye aweneliseki yindlela isikhalazo sakho esiqwalaselwe ngayo yintloko okanye ngumphathi wale ndawo yezempilo, ungasisa isikhalazo sakho kwiSebe lezeMpilo lePhondo elo ukulo. Ukuba aweneliseki yindlela iSebe lezeMpilo lePhondo elisiqwalasele ngayo esi sikhalazo, ungacela ibhodi okanye ibhunga elinjengeBhunga laseMzantsi Afrika labasebenzi bezeMpilo ukuba liwuphande lo mbandela.
Amagosa aphuma kwiiNkonzo zeMfundo
Ukuba isikhalazo sakho singomfundisi-ntsapho okanye naliphi elinye ilungu labasebenzi kwisikolo esithile okanye kwiziko lemfundo, ungaqhagamshelana nenqununu yeso sikolo okanye yeziko lemfundo. Ukuba isikhalazo singenqununu, ungaqhagamshelana neSithili seMfundo okanye uMphathi woMmandla
Ukuba aweneliseki yindlela isikhalazo sakho esiqwalaselwe ngayo, ungaqhagamshelana neNtloko yeSebe leMfundo kwelo phondo ukulo.
Ukuba isikhalazo sakho asikaqwalaselwa ngokwanelisayo, ungadibana noMEC weMfundo okanye iSebe leMfundo likaZwelonke.
Amagosa eeNkonzo zoLuleko:
Ukuba isikhalazo sakho singegosa loluleko ungasibhala siye kuKhomishina kaZwelonke weeNkonzo zoLuleko okanye kwiJaji eHlolayo. Xa efumana isikhalazo esibhaliweyo uKhomishina uya kusinikezela kwiofisi eza kusiqwalsela.
Ezinye iindlela zokukhalaza :
Ukuba uhlala ungenelisekanga yindlela isikhalazo sakho esiqwalaselwe ngayo ngabathathi-nxaxheba okanye ngabaququzeleli beenkonzo kwinkqubo yobulungisa kulwaphulo-mthetho, ungaya kwiinkonzo ezinikwa yimibutho enjengale:
a. IOfisi yoMkhuseli woLuntu b. IKhomishini yaMalungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika c. ICandelo Elizimeleyo leZikhalazo d. IKhomishini yoLingano kwiSini e. IBhunga laseMzantsi Afrika labasebenzi bezeMpilo f. Igqwetha ozikhethele lona ngeendleko zakho
Ukuba ufuna ulwazi oluthe vetshe ngawo nawuphi na umbandela oqulethwe kolu xwebhu, ungaqhagamshelana neSebe lezoBulungisa neCandelo loLawulo kwezi nombolo zilandelayo:
Ifowuni: 315 1670
Ifeksi: 315 1960
Imigangatho engengakanani ngeeNkonzo zaMaxhoba oLwaphulo-mthetho yaphuhliswa liCandelo lezeSini kwiSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko kusetyenziswana nala masebe; iSebe lezoPhuhliso lweNtlalo, elezeeNkonzo zoLuleko, eleMfundo, elezeMpilo kwakunye neGunya lezoTshutshiso likaZwelonke laseMzantsi Arika, iNkonzo yamaPolisa yaseMzantsi Afrika, iKhomishini yoHlaziyo loMthetho yaseMzantsi Afrika, iKhomishini yaMalungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika, iOfisi yoMkhuseli woLuntu, iCandelo Elizimeleyo leZikhalazo, amalungu eeKhomishini zeNkonzo kaMantyi neyoMthetho, amalungu eTshwane Metro Police.
ISebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko lilibulela ngokungazenzisiyo igalelo elenziwe yimibutho engeyokarhulumente ekuphuhliseni olu xwebhu .
IIDILESI EZILUNCEDO
ISebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko
Ifowuni. : 315 1111
Ifeksi.: 326 0991
ISebe leMfundo
Ifowuni.: 312 5911
Ifeksi: 321 6770
ISebe loPhuhliso lwezeNtlalo
Ifowuni: 312 7601
Ifeksi.: 312 7782
ISebe leeNkonzo zoLuleko
Ifowuni.: 307 2000
Ifeksi.: 325 8080
Ifowuni: 339 1000
Ifeksi.: 339 1530
ISebe lezeMpilo
Ifowuni: 312 0000
Ifeksi.: 325 5706
IGunya likaZwelonke lezoTshutshiso
Ifowuni: 845 6000
Ifeksi.: 845 7311
IKhomishini kaMantyi
Ifowuni: 325 3951
Ifeksi: 325 3957
UMlawuli kaZwelonke weNkqubo yoKhuselo lweNgqina 
Ifowuni : 315 1732/33
Ifeksi : 323 5434
IOfisi yoMkhuseli woLuntu
Ifowuni: 322 2916
Ifeksi: 322 5093
Amagqwetha amalungelo oLuntu
Ifowuni: 320 2943/8
Ifeksi: 012 320 2949
IBhunga lomsebenzi wobungcali kwiiNkonzo zeNtlalo
Ifowuni: 342 5437
Ifeksi: 342 3025
ICandelo Elizimeleyo leZikhalazo
Ifowuni.: 320 0431
Ifeksi: 320 3116
IKhomishini yaMalungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika
Ifowuni: 484 8300
Ifeksi: 484 1360
Umbutho kaZwelonke wamagqwetha
Ifowuni: 421 0577
Ifeksi: 421 0633
IKhomishini yoLingano ngeSini
Ifowuni: 403 7182
Ifeksi: 403 7188
IBhunga laseMzantsi Afrika lomsebenzi wobungcali kwezeMpilo 
Ifowuni: 338 9300/01
Ifeksi: 328 5120
IKhomishini yenkonzo yaseMthethweni
Ifowuni: 447 2769
Ifeksi.: 447 0836
